Imigca Yendlela

Imigca Yendlela: Iimpawu Namagama

Imigca Yesiwelo Seebhayisekile - Imigca Yesikhokelo

Apho lumiselwe khona: Kuyo nayiphi na indlela ingakumbi ezidolophini.

Injongo: Ukubonisa inxalenye yendlela emele isetyenziswe ngabakhweli beebhayisekile ukunqumla indlela.

Okufuneka kwenziwe: Jonga abakhweli beebhayisekile abanqumlayo okanye abafuna ukunqumla indlela.

Imigca Yesiwelo Seebhayisekile - Imigca Yesikhokelo

Iimpawu Zemigca Yendlela

Apho lumiselwe khona: Kuyo nayiphi na indlela. Kumzila weebhayisekile, kwindlela eya kwisikhululo seenqwelo-moya nalapho indawo yokupaka igcinelwe abakhubazekileyo kuphela.

Injongo: Njengemigca eyongezelelweyo kunye neempawu nemigca eqhelekileyo ukukwazisa ukuba indawo igcinelwe iqela elithile okanye ukuba indlela iya kwindawo ethile.

Okufuneka kwenziwe: Musa ukusebenzisa indlela okanye inxalenye ephawuliweyo yendlela ukuba awuyonxalenye yeqela elichongwe ngumgca.

Iimpawu Zemigca Yendlela

Imigca Yamagama

Apho lumiselwe khona: Kuyo nayiphi na indlela.

Injongo: Ukukunika ulwazi olongezelelweyo.

Okufuneka kwenziwe: Funda umyalezo osendleleni uze ugxile kwingozi enokubakho eboniswa ngulo myalezo.

Imigca Yamagama